INCWADANA
YAMAGAMA EZELIZWE
IBhunga loMzantsi Afrika laMgama ezeLizwe
Ibhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe
Isebe lezoBugcisa, iNkcubeko, iNzululwazi noBuchwepheshe
Ifowuni: 337-8155
Ifeksi: 324 -2119
Isiqulatho
Iphepha
Yintoni amagama ezelizwe?
Yintoni iBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe?
Lenza ntoni iBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe?
Ngawaphi amagama elijongene nawo iBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe?
Ngawaphi amagama angaphandle kolawulo lweBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe?
Kutheni amagama ezelizwe kufuneka ebekwe emgangathweni
Indlela abekwa ngayo amagama emgangathweni
Imithetho-siseko yamagama ezelizwe eMzantsi Afrika
Ingaba amagama akhoyo angatshintshwa?
Indlela yokwenza isicelo sokuvunywa kwamagama ezelizwe
Uncedo malunga nokwenza isicelo
Ubungakanani bexesha ukususela kwithuba lokwenza isicelo kuye ekuvunyweni kwaso
Umfuziselo wefomu yokwenza isicelo
Yintoni amagama ezelizwe?
Ngamagama eendawo apho abantu bahlala khona nezinto abazakhayo kwakunye namagama eemilo zendalo.
Yintoni iBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe?
IBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe liqela elicebisa uMphathiswa wezoBugcisa, iNkcubeko, iNzululwazi noBuchwepheshe ngokubekwa emgangathweni kwamagama.
IBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe lineengcali zamagama eendawo, ezelwimi zaseburhulumenteni nezembali engenkcubeko. Likwanommeli omnye wephondo ngalinye kwanabameli beCandelo loLawulo eliyiNtloko kwezoCando nokwenziwa kweeMephu,iPosi yoMzantsi Afrika kunye neBhodi yeelwini iPANSALB.
IBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe lilungiselelwe i-ofisi yolawulo liSebe lezoBugcisa, iNkcubeko,iNzululwazi noBuchwepheshe.
Lenza ntoni iBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe?
Lithatha izigqibo ngokuma kwamagama kwaye linike iingcebiso kuMphathiswa ukuze awamkele.
Liyaqokelela kwaye ligcine amagama ezelizwe kwaye liwenze aziwe.
Liqhakamshelana neZizwe eziManyeneyo, Ikhomishoni yoqoqosho yeZizwe eziManyeneyo ye-Afrika, oogunyaziwe bamagama ezelizwe zezizwe ezingamalungu eZizwe eziManyeneyo kunye namanye amagosa elizwe jikelele ajongene nokubekwa emgangathweni kwamagama ezelizwe.
Ngawaphi amagama elijongene nawo iBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe?
Ngamagama eedolophu, amahlumela edolophu kwanayo nayiphi indawo ehlala abantu, iiposi, izitishi, oohola bendlela, amadami njalo njalo;
iintaba, iinduli, imilambo, imifula, iibheyi, iimpondo zomhlaba ezingena elwandle neencam, iziqithi, imisinga, 'iipoort' njalo njalo.
amagama eendawo (iindawo zelizwe ezisetyenziselwa ubhaliso lobunini-mhlaba).
Ngawaphi amagama angaphandle kolawulo lweBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe?
Igama lelizwe namagama amaphondo;
amagama oogunyaziwe bengingqi izakhiwo neefama ezinabanini babucala.
Kutheni amagama ezelizwe kufuneka ebekwe emgangathweni?
Kuyenzeka kuwo onke amazwe ukuba abantu bathiye iindawo ezahlukeneyo ngegama elifanayo okanye kubekho ukungaqondi kuba amagama asenokuvakala ngokufanayo okanye upelo lwegama lendawo enye lungasondela kwelelinye igama lendawo. Amagama asenokupelwa ngeendlela ezahlukeneyo. Kwilizwe elifana noMzantsi Afrika elineelwimi ezininzi, iindawo maxa wambi azinagama linye.
Kwilizwe lonke liphela, amagama abekwa emgangathweni ngoogunyaziwe abathatha izigqibo ngemo yegama emalisetyenziswe ngokusemthethweni, kuqukwa nopelo lwelo gama.
Kubalulekile ukubekwa kwamagama emgangathweni ngenjongo yokuqinisela imbali yelizwe nokuzazisa ngokobuzwe, ngorhwebo noshishino, uthutho, uqhakamshelwano, ucwangciso lommandla nelokusijikelezileyo, inzululwazi nobuchwepheshe, ukhenketho,ulawulo lwentlekele nemisebenzi yokukhangela nokusindisa njalo njalo.
Kuzwelonke nakwilizwe jikelele abo balungisa iimephu neegazethi zamagama ezelizwe baxhomekeke koorhulumente bamazwe ukuba babanike amagama abekwe emgangathweni.
Indlela abekwa ngayo amagama emgangathweni
Iphondo ngalinye lonyula iKomiti yePhondo yaMagama ezeLizwe.
IKomiti yePhondo yaMagama ezeLizwe inoxanduva lokucebisa oogunyaziwe bengingqi kwaye isebenze kunye nabo ukuqinisekisa ukuba basebenzisa imithetho-siseko yeBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe kumagama aphantsi kolawulo lwabo.
IKomiti yePhondo yaMagama ezeLizwe inoxanduva lokubona ukuba amabutho asekuhlaleni nabanye abachaphazelekayo kuboniswana nabo ngokupheleleyo phambi kokuba naliphi na igama lingeniswe ngugunyaziwe wengingqi elidlulisa kwiKomiti yePhondo yaMagama ezeLizwe lisiya kwiBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe.
Amagama angeniswa nayiPosi, abaphuhlisi bezakhiwo, imibutho nabantu ngabanye.
IBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe lifumana zonke izicelo zokwamkelwa kwamagama ezelizwe aphantsi kolawulo lwalo kwaye liqinisekisa nokuba kuye kwaboniswana kakuhle kwaye igama elo lihambelana neemfuno zebhunga ngandlela zonke.
IBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe lithatha isigqibo sokugqibela ngemo okanye iimo zamagama lize liwadlulisele kuMphathiswa.
Lakuba igama lamkelwe nguMphathiswa, elo gama libekwe emgangathweni. Emva koko lipapashwa kwiGazethi kaRhulumente.
Imithetho-siseko yamagama ezelizwe eMzantsi Afrika
Kusebenza imithetho-siseko efanayo kuwo onke amagama ezelizwe. IiKomiti zaMaphondo zaMagama ezeLizwe kufuneka ziqinisekise ukuba oogunyaziwe bengingqi bayayazi le mithetho-siseko.
Amagama ezelizwe ekufuneka aphetshwe
Amagama avunyiweyo eendawo kwenye indawo eMzantsi Afrika;
amagama eendawo kwamanye amazwe namagama amazwe;
amagama apelo lawo okanye ukubizwa kwawo kusondeleyo kwelegama elikhoyo,into leyo engathanda ukubhidisa;
amagama anyelisayo, angachubekanga, athukayo,okanye aphoxisayo;
amagama anocalulo okanye aphantsi ngokubhekiselele kuhlanga, ibala, udidi, isini, ukuzimanya ngokwepolitiki okanye neminye imibandela ngokwentlalo;
amagama amade okanye adityaniswe kakubi;
amagama anamagama abantu ngaphandle kophawu lohlobo oluthile;
amagama angathathwa njengesibhengezo semveliso ethile, senkonzo okanye somzi-mveliso.
Ukuthiya iindawo ngabantu
Amagama abantu abaphilayo kufuneka aphetshwe.
Iindawo zezelizwe ezithiywe ngabantu kufuneka zihambelane nezinga labantu abo (umzekelo, ukuthiya into engacacanga ngegama lomntu obalulekileyo kuzwelonke).
Imvume ebhaliweyo , apho kunokwenzeka , kufuneka ifunyanwe emntwini okanye kusapho lomntu okanye kwiindlalifa phambi kokuba igama lomntu lisetyenziswe.
Ingaba amagama akhoyo angatshintshwa?
Isicelo singenziwa ukuba umenzi wesicelo ukholelwa ekubeni igama elo alihlangabezani nemithetho-siseko yeBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe okanye phantsi kwezinye iimeko ezinjengezembali okanye ezolwimi. Isicelo kufuneka senziwe kwifomu enye naleyo isetyenziselwa amagama amatsha, kwaye kufuneka ikhatshwe zizizathu ezivakalayo, apho kunokwenzeka, amaxwebhu axhasayo.
Kufuneka kuphetshwe ukutshintshwa kwamagama ngezi zizathu zilandelayo:
Ukutshintsha kuyabhidisa kwilizwe eli nakwilizwe jikelele, kwaye kuthatha iminyaka ukuba kuphunyezwe.
Ukutshintsha kuziindleko eziphezulu kumacandelo onke oluntu. Kungavela iingxwaba-ngxwaba ngokuba ngubani oza kuthwala iindleko ezenziweyo xa kutshintshwa.
Ukutshintsha kungaphazamisa eluntwini endaweni yokukhuthaza ubumbano lukazwelonke.
Amagama ezelizwe ayinxalenye yelifa lesizwe, elembali, inkcubeko nolwimi, ekungumqweno wokuba lilondolozeke ngaphezu kokulitshabalalisa.
Ngubani onokwenza isicelo sokuvunywa kwegama?
Onke amasebe karhulumente, oorhulumente bamaphondo, oogunyaziwe bengingqi, iPosi yoMzantsi Afrika, abaphuhlisi bezakhiwo kwanalo naliphi elinye iqela okanye umntu ofuna ukuba indawo ithiywe igama.
Indlela yokwenza isicelo sokuvunywa kwamagama ezelizwe
Iifomu zokwenza isicelo zifumaneka kwiBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe okanye kwiKomiti yePhondo yaMagama ezeLizwe.
Abenzi bezicelo kufuneka bakunanze ukunika yonke inkcazelo efunwayo kwifomu yokwenza isicelo.
Ukuncediswa ekwenzeni isicelo
IBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe lingathanda ukuba amabutho asekuhlaleni azibandakanye ekuthiyeni. Apho abantu bangakwaziyo ukuzalisa ifomu yokwenza isicelo, bangenza isicelo kugunyaziwe wengingqi esiya kwiKomiti yePhondo yaMagama ezeLizwe sokuba bancedwe. Iikomiti zaMaphondo zaMagama ezeLizwe nazo zingafuna uncedo kwiBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe, lona elingawudlulisela umbandela kubaphandi abaziingcali.
Oku kulandelayo lubalulekile
Izidibanisi kwisibanzi neside(ngokwaloo ndlela). Le nkcazelo ibalulekile kwaye kufuneka ibe yechanekileyo. Izidibanisi X noY azamkelekanga.
Imephu yendawo kufuneka yenziwe kwiphepha eliyi-A4.
Ulwimi lwegama. Ukuba igama lineendawo ezahlukeneyo kulwimi olungaphezu kwesinye, umzekelo, isiZulu nesiNgesi, xela zombini.
Amagama makabhalwe ngoonobumba abakhulu nabancinci, ingabi ngoonobumba abakhulu bodwa, makuboniswe apho mabasetyenziswe khona oonobumba abakhulu, umzekelo, eMbali okanye Gabosela.
Imvelaphi nentsingiselo yegama. Imiba yezembali engegama, ukubhekisa kwimilo yezelizwe okanye ukuthiya ngokubonisa intlonipho emntwini, kufuneka loo nto icaciswe kangangoko. Ulwazi lwezemveli olufunyenwe kwabanolwazi lungacatshulwa , namaxwebhu aphuma koovimba bolondolozo-mbali angancanyatheliswa.
Isicelo ngasinye kufuneka sinike iinkcukacha zomazisi oyintloko elize naye igama.
Igama lesibini kufuneka nalo linikwe. Uyakhawuleza umsebenzi ukuba iBhunga loMzantsi Afrika laMagama ezeLizwe linikwe igama lesibini ukuba elokuqala alamkeleki ngenxa yezizathu (mhlawumbi kuphindwe igama ebesele livunyiwe).
Nceda sebenzisa ifomu yokwenza isicelo emiselweyo. Musa ukuchwetheza kwakhona.
Ukuba uthumela ifeksi okanye imbalelwano ye-elektroni, nceda landelisa ngokuthumela amaxwebhu asayiniweyo emveli ngeposi.
Ubungakanani bexesha ukususela kwithuba lokwenza isicelo kuye ekuvunyweni kwaso
Ibhunga lidibana amatyeli amane ngonyaka. Njengoko ukulibazisa kubangelwa yinkcazelo engaphelelanga okanye engeyiyo ekwifomu, abenzi besicelo kufuneka baqonde ukuba ukubekwa kwegama emgangathweni kungayinkqubo ende. Amalungiselelo ethuba lokulinda, ebuncinaneni iinyanga ezintathu, kufuneka enziwe kwinkqubo yocwangciso. Kufuneka ifomu yokwenza isicelo izaliswe ngocoselelo njengoko kufuneka ukunqanda ukulinda ixesha elide kakhulu.
Umfuziselo wefomu yokwenza isicelo
